uDoli

Nang’ ehamb’ uDoli, Uyahamb’ uyamb’ uDoli (x2)

Nank’ uDol’ uyahamba, upheth’ umthwalo
UDol’ akanamali, intomb’ ayikhathali
Uyahamb’ umntwana, ukhwel’ ibhasi
Hayi madoda, itileni, ushiy ikhaya. Kunzima
Amalungiselelo awamahle, uqinisekile ngobuhle
‘Bamaziyo bath’ u liNdiya, phofu nay’ usisimomondiya

[Chorus 1 (x2)]
Uhambil’ uhambil’ uDoli, ushiy’ ikhaya lakhe
Umkile uDoli, uthi kunzima

Ufikile eGol’ uDoli, engekavuli namehlo zatsha
Umthathil’ utsotsi wamthatha wamnyusa phezulu
Ufikile eGol’ uDoli, engekavuli namehlo zatsha
Umthathil’ utsotsi wamthatha wamnyusa phezulu

Emthatha nje umthembisile ukumenza intomb’ ephezulu
Ngenen’ ufikile phezulu, egumbini el’namantombazana
Ufunxe efinyela phezulu, umgubo omhlophe
Oh Hayi! Oh hayi! Oh hayi!

[Chorus 2 (x2)]
Wenyuka wenyuk ’uDoli, wenyuka wenyuk’ unobuhle
Wenyuka wenyuk ’uDoli, wenyuka wabhabh’ emoyeni
Wenyuka wenyuk ’uDoli, wenyuka kwabalek’ intsuku,
Zazinyanga, iyho kwabonyaka

Uyakhal’ uyacel’ uDoli, uyavuy’ uyamnik’ utsotsi
Uyayaz’ imbuyekezo. Akumnandi yhoo ziyaduma!
Uyacel’ ufun’ eny’ uDoli, bayamnika ngok’ngakhathali
Uyacel’ , bayamnik’ , aphind’, bamnike, aphind’ iyhoo uyaf’ uDoli

[Chorus 3 (x2)]
Unyukil’ unyukil’ uDoli. Unyukil’ushiyil’ iphupha likanobuhle
Oh hamba! Hamba kalok
Unyukil’ unyukil’ uDoli, umnyusil’ utsots’ wamsa phezulu
Okwesthembiso sakh’ utsotsi sokumenz’ intomb’ ephezulu
Oh hamba! hamba Doli, Oh hamba Doli. Oh hamba hamba Doli! (x2)