Ngomso

Nank’ umfan’ ase Bhofolo, yen’ ufuman impangel’ eRhawtini
Kodwa ushiy intokazi emva, ‘gama layo bayibiza ngoNoxolo

Nank’ umfan’ ase Dikeni, yhey ufuman impangel’ eRhawtini
Kodwa ushiy’ intokazi emva, ‘gama layo bayibiza ngoNoxolo

Oh Noxolo wam, ndithetha nje ndikhwel’ uloliwe
Imincili yomzimba wam yonke, ayikwazi kubambeka ifuna wena
Ndicela undithembe, andikwazi k’phaphazela ndiphethe wena
Indlela le omhle ngayo, and’sakhangeli ngoba ndiphethe wena

[Chorus]
Sthandwa sam, ntombi yam ndizakubona ngomso (ngomso)
Ingcinga zam zohlala zinawe undikhawlele ngomso (ndimane ndibal’ intsuku)
Andisakwazi nokulinda ngath’ ukud’ ungomso
sekuphele nobuthongo akulaleki no more (Sthandwa sam)

Sthandwa sam, ntombi yam ndizakubona ngomso (Yehha)
Ingcinga zam zohlala zinawe undikhawlele ngomso (ntombi yamaMpondo)
Andisakwazi nokulinda ngath’ ukud’ ungomso
Sekuphele nobuthongo akulaleki no more (uyandiqonda)

Ndithetha ngaye uba’? umfana wase Dikeni, yhey ufuman impangelo emayinini
Imikhuba eRhawti mininzi, heh kuphela imali epokothwen’ uhleli
Hayibo oh weNoxolo wam
Xa ndithath’ ukjonga umehluko mninzi xa bufanisa n’ekhaya
Akufani naselalin’ apho babiza iJozi emabonen’ inyakanya yonk’iqala pha

[Chorus]
Sthandwa sam ntombi yam ndizakubona ngomso (Oh oh oh)
ingcinga zam zohlala zinawe undikhawlele ngomso (weNoxolo ndithi ndiyakuthanda)
andisakwazi nokulinda ngath’ ukud’ ungomso (ndiyakufuna)
sekuphele nobuthongo akulaleki no more

Uyayazi intw’ emyoli (uthando lwakho ligolide)
Uyayazi intw’ emyoli (uncumo lwakho ligolide)
Wakhe waybona ntw’ emyoli (yonk’ into kuwe ligolide)
Wakhe waybona ntw’ enjena(yeah)
nasemsembeznini andikhoni (andikhoni)
ingxaki yam kukuba ndyakukhumbula (ndyakukhumbula)
Ndidikwe kukubona efotweni

Sthandwa sam Ntombi yam ndizakubona ngomso (Ndidikwe kukubon’ efotweni)
Ingcinga zam zohlala zinawe undikhawlele ngomso (Hleli nje ntombazana ndiyakucinga yoh)
Andisakwazi nokulinda ngath’ ukud’ ungomso (ndikhumbul indlela ondbamba ngayo)
Sekuphele nobuthongo akulaleki no more